Genesis 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko besibizwa ngegama eliyi‐Babele; ngokuba bekukona uyehova wabidabida inteto yomhlaba wonke: kwakukona kanjalo wabati sa uyehova ebusweni bawo wonke umhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngenxa yokuba kulapho uYehova waluduba khona ulwimi lwehlabathi lonke, yaye uYehova wabachithachitha besuka apho ehlabathini lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.