Genesis 12:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiti ke ngoko, ungudade wam; ukuze kulunge kum ngenxa yako, uti umpefumlo wam udle ubomi ngetuba lako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi, ungudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi, ungudade wethu, ukuze ndilunge ngenxa yakho; kwaye umphefumlo wam uya kuphila ngawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.”