Genesis 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wemka u‐Abrame, njengokuba ebetetile kuye uyehova; wahamba naye no‐Lote: waeyiminyaka engamashumi asixe̔nxe anamihlanu u‐Abrame ubudala bake, akupuma e‐Karane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanti ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; uLote wahamba naye, yaye uAbram wayeneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu ubudala ekuphumeni kwakhe kwelakwaHaran.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.