Genesis 12:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Abrame watabata u‐Sarai umfazi wake, no‐Lote unyana womkuluwe wake, nayo yonke impahla yabo ababeqwebe yona, nemipefumlo ababeyizuzile e‐Karane; baza bapuma ukuya elizweni le‐Kanane; bada batika elizweni le‐Kanane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote, unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nemiphefumlo eyabafumanayo kwaHaran; bemka baya ezweni lakwaKanan; bafika ezweni lakwaKanan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana. Bakufika eKanana,