Genesis 12:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wabonakala ku‐Abrame, wati: Kwinzalo yako ndiya kunika elilizwe. Wandu ukwakela kona isibingelo kuyehova, obebonakele kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe; waza wamakhela khona isibingelelo uYehova owayebonakele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.