Genesis 13:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Lote wapakamisa amehlo ake, wabona lonke itafa lase‐Yoredane, ukuba lilizwe elikolisa ukucenceshwa indawo zonke; elalite, engekatshabalalisi uyehova i‐Sodome ne‐Gomora, la njengomyezo kayehova, na njengelizwe le‐Jipete, kude kwaziwa e‐Tsohare.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uLote wawaphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba amanzi abemaninzi kuyo yonke indawo, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, nanjengelizwe laseYiputa, ekufikeni kwakho eTsohare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.