Genesis 14:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wahlukahluka ngakubo ngobusuku, yena nezicaka zake, wababeta; waye ebaputuma kwada kwase‐Hoba, engasekohlo kwe‐Damakusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakho, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wazahlula ebusuku nxamnye nabo, yena nabakhonzi bakhe, waza waboyisa waza wabasukela ukuya kufikelela eHobha, ekwicala lasekhohlo leDamasko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawahlula angamaqela ngamaqela amadoda akhe, wawuhlasela loo mkhosi kwakuhlwa. Wawoyisa, wawusukela waya kufika eHobha entla kweDamasko.