Genesis 14:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okokuba andiyi kutabata kwa kulo usinga kude kube liṙwintsela lesihlangu, nokuba andiyi kutabata nanye into eyeyako, ukuze ungatsho ukuti: Ndim owamtyebisayo u‐Abrame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungatsho ukuthi, Mna nidimtyebisile uAbram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuba andiyi kuthabatha nawuphi na umsonto ukuya esithendeni sembadada, yaye andiyi kuthabatha nantoni na eyeyakho, ongazange uthi, ‘Ndimdle ilifa uAbram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiyi kuthatha nto yakho konke, nditsho nokuba ngumsonto lo okanye umtya wembadada. Ndifuna ungaze utsho ukuthi: ‘UAbram watyetyiswa ndim.’