Genesis 14:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okwam, makube koko bakutyileyo abafana kupela, nesahlulelwa salamadoda abehamba nam, u‐Hanere, u‐Shekole, no‐Mamre; mabatabate bona isahlulelwa sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphandle koko bakudlayo abafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; bathathe inxaxheba yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna andiyi kuthatha nto konke, ngaphandle nje kokutya okutyiwe ngabantu bam. Kodwa wona amakholwane am, uAnere noEshkoli noMamre, mabayifumane bona eyabo inxaxheba.”