Genesis 15:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ku‐Abrame: Yazi kunene ukuba inzalo yako yoba ngabasemzini elizweni elingelelayo, — yobakonza, bati bona bayibandezele, — iminyaka ibe ngamakulu mane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngabaphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze; baya kubacinezela iminyaka emakhulu mane;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuye: “Inzala yakho iya kuba ngabangeneleli kumhlaba wasemzini, uze uyazi loo nto. Apho baya kuba ngamakhoboka, baphathwe gadalala amakhulu amane eminyaka.