Genesis 15:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, lakuba lise litshonile ilanga, kuse kumnyama nje, nasi isidlangalala esiqumayo nesibane somlilo, esidlula pakati kweziqendu ezo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho; iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, kwabakho intsintsi yomsi, nesibane esidangazelayo, esicanda phakathi kwezo ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe kwakurhatyela, kwathi gqi imbiza iqhuma, nesikhuni esivuthayo, zadlula phakathi kwaloo mkrozo wenyama.