Genesis 15:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, ilizwi likayehova leza kuye, lisiti: Asi nguye lo oya kuba yindlalifa yako; koko lowo oya kupuma kwawako amatumbu, nguye oya kuba yindlalifa yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakhe, yena oya kuba yindlamafa yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye qaphelani, ilizwi leNkosi lafika kuye, lisithi: Lo akasayi kuba yindlalifa yakho; kodwa lowo uphuma ezibilinini zakho uya kuba yindlalifa yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.”