Genesis 16:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woba yena engumntu obuqwaṙaṙa; isandla sake soba ngakubo abantu bonke, nesandla sabantu bonke soba ngakuye; waeya kuma ngasebusweni babo bonke abazalwana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba;isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye uya kuba yindoda yelizwe; isandla sakhe siya kuba phezu komntu wonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; yaye uya kuhlala emehlweni abo bonke abazalwana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha; uya kuchasa wonke ubani, angafunwa ngumntu wonke naye. Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”