Genesis 16:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Sarai ku‐Abrame: Bona ke, uyehova undibambile ekuzaleni; uz’ uti ngoko ungene kwikobokakazi lam: ndinga ndiya kuzuza abantwana ngalo, wapulapula u‐Abrame elizwini lika‐Sarai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; Ngena kumkhonzazana wam; mhlawumbi ndingazala naye. uAbram waliphulaphula izwi likaSarayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.