Genesis 16:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Sarai wati ku‐Abrame: Ukwoniwa kwam kube pezu kwako! ikobokakazi lam ndilinikile esifubeni sako; kekaloku lakubona ukuba likaulile, ndadeleka emehlweni alo; makagwebe uyehova pakati kwam nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho;umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; uthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSarayi kuAbram, Ityala lam likuwe; ndimnike umkhonzazana wam esifubeni sakho; wathi akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”