Genesis 17:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, akuba u‐Abrame eyiminyaka imashumi alitoba enesitoba ubudala bake, wabonakala uyehova ku‐Abrame, wati kuye: Mna ndi ngutixo onamandla onke; hamba ebusweni bam, ufezeke ukulunga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asibhozo anamnye ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba ecaleni kwam, ube ngogqibeleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba mashumi asithoba anethoba ubudala uAbram, wabonakala kuye *uNdikhoyo, wathi: “Mna ndinguThixo uSomandla. Uze undithobele, uhlale ungasoleki.