Genesis 17:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Olu lucebano lwam, eniya kubamba lona, pakati kwam nani, nenzalo yako emva kwako: konke okubudoda kuya kwaluswa pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo lo umnqophiso wam, eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho; Wonke umntwana oyinkwenkwe kuni makaluswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nantsi into emaniyenze nina ukuwugcina kwenu umnqopiso wam: Wena kufuneka waluke, kwaluke lonke iduna phakathi kwabantu bakho.