Genesis 17:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati utixo: Okwenene u‐Sara umfazi wako wokuzalela unyana, negama lake uya kulibiza ngo‐Yisake; ndandiya kumisa ucebano lwam naye, lube lucebano olungunapakade nenzalo yake emva kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana; umthiye igama elinguIsake, ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uThixo: “Hayi, uSara umkakho uza kuzala inkwenkwe. Uzuthi nguIsake igama layo. Umnqophiso wam ndowugcina kuye nakwinzala yakhe ngalo lonke ixesha, ingumnqophiso ongayi kujika nanini na.