Genesis 17:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Abrahame watabata u‐Shimayeli unyana wake, nabo bonke ababezelwe endlwini yake, nabo bonke ababetengiwe ngemali yake, konke okubudoda pakati kwabantu bendlu ka‐Abrahame, wayalusa inyama yejwabu labo, kwa ngokwa nguwo umhla lowo, njengokuba ebetshilo kuye utixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke ababezalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwamadoda endlu ka-Abraham; aza abalusa inyama yokuqala yobudoda ngaloo mini kanye njengoko uThixo wayemyalele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo mini uAbraham wamthobela uThixo, wamalusa uIshmayeli nawo onke amanye amaduna emzini wakhe. Walusa izicaka ezazalelwa kwakhe, kwanezo zazithengiwe.