Genesis 17:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo igama lako aliyi kuba sabizwa ngo‐Abrame, koko igama lako loba ngu‐Abrahame; ngokuba ndikwenzile uyise wento eninzi yezizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kuba sathiwa igama lakho nguAbram; ngokuba ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusayi kuthiwa Abram kuwe; uya kuba nguAbraham, kuba uza kuba ngukhokho wezizwe ngezizwe.