Genesis 17:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kumisa ucebano lwam pakati kwam nawe, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo, lube lucebano olungunapakade, lwokokuba ndibe ngutixo kuwe, kwa nakuyo inzalo yako emva kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndowumisa umnqophiso wam phakathi kwam nawe nenzala yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso wexesha elingenammiselo, wokuba ndibe nguThixo wakho nenzala yakho eya emva kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Andiyi kuwujika umnqophiso wam endiwenze nawe kunye nenzala yakho; uya kuhlala uhleli. Ndoba nguThixo wakho nenzala yakho.