Genesis 17:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiya kunika wena, nenzalo yako emva kwako, ilizwe lokupambukela kwako, kwa lonke ilizwe le‐Kanane, libe yimfuyo engunapakade; ndandiya kuba ngutixo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukunika ilizwe ohlala kulo wena nenzala yakho emva kwakho, ilizwe lakwaKanan lonke, libe lilifa lakho ukusa kwixesha elingenammiselo; ndibe nguThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mhlaba ungumfiki kuwo, ndiza kukunika wona uwume kunye nenzala yakho. Wonke umhlaba waseKanana uya kumiwa yinzala yakho ngalo lonke ixesha, mna ndibe nguThixo wabo.”