Genesis 17:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela utixo wati ku‐Abrahame: Woti wena ngoko ulubambe ucebano lwam, wena, nenzalo yako emva kwako ngezizukulwana zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kuAbraham, Wugcine umnqophiso wam, wena nembewu yakho eya emva kwakho kwizizukulwana zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqokela wathi uThixo kuAbraham: “Nawe ke, kwakunye nenzala yakho ngokunjalo, ze niwugcine umnqophiso wam nakwizizukulwana ezizayo.