Genesis 18:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Ngokwenene ndobuya ndize kuwe ekutwaseni kwelixesha; kanjalo, bona ke, u‐Sara umfazi wako woba nonyana. Kwaviwa ngu‐Sara enmyango wentente, obusemva kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana.Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndiya kubuyela kuwe, okunene ngexesha lodla ubomi; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara umnyango wentente ngasemva kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lwathi olunye undwendwe: “Malunga neli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye. USara umkakho woba enomntwana oyinkwenkwe.” USara wabavela emi emva kwabo ngasemnyango.