Genesis 18:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Sara ngoko wahleka pakati kwake, esiti: Emveni kwokwalupala kwam sendiya kuba nobuyolo na, inkosi yam indala nje nayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSara wahleka entliziyweni yakhe, wathi, Ndingade ndibe noyolo na ndaluphele, nenkosi yam yaluphele nje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”