Genesis 18:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sendimazi, okokuba uya kuyalela abantwana bake nabendlu yake emva kwake, ukuba bagcine indlela kayehova, benze okulungileyo nokufaneleyo; ukuze akuzise uyehova pezu kwo‐Abrahame oko akutetileyo ngaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho oonyana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ngokwesiko nangobulungisa; ukuze uYehova amzise kuAbraham oko wakuthethayo ngaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndimtyumbele ukuze aqeqeshele abantwana bakhe kunye nabazukulwana bakhe ekundithobeleni nasebulungiseni. Xa besenjenjalo ndozizalisekisa izithembiso zam kuAbraham.”