Genesis 18:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makube lé kuwe ukwenza ngendawo enjalo, yokuba ubulale abalungileyo kunye nabakohlakeleyo! nokuba abalungileyo babe njengabakohlakeleyo, makube lé kuwe oko! umgwebi wawo wonke umhlaba akayi kwenza okufaneleyo yinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo;makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makube lee kuwe ukwenza loo nto ukubulala olilungisa nongendawo, olilungisa abe njengongendawo onyathela kude nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi kaloku, akunakuyenza into enjalo ukutshabalalisa abangenatyala ndawonye nabagwenxa, ube njalo wohlwaya amalungisa ngesohlwayo esinye naboni. Ngunongekhe lowo. UMgwebi welizwe liphela akamele kugweba ngobulungisa na?”