Genesis 18:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungati umhlaumbi kusweleke abahlanu kuwo amashumi mahlanu abalungileyo; wositshabalalisa ngenxa yabo bahlanu na sonke isixeko? Yaza yati: Andiyi kusitshabalalisa, ukuba ndofumana kona amashumi mane anesihlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mhlawumbi aya kuswela isihlanu kumashumi amahlanu amalungisa; Unokuwutshabalalisa na umzi wonke, ngenxa yokuswela kwabahlanu? Wathi, Nokuba ndithe ndafumana khona amashumi omané anesihlanu kubo, andiyi kubatshabalalisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ngaba kukho amashumi amane anantlanu endaweni yamashumi amahlanu, ungátshabalalisa isixeko sonke ngenxa yokuba bengaphantsi nje ngesihlanu abantu abamsulwa?” Uthe uNdikhoyo: “Nokuba ngamashumi mane anantlanu abantu abamsulwa, ndosisindisa isixeko.”