Genesis 18:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete! Kungaba kwofunyanwa kona amashumi matatu. Yati: Andiyi kukwenza, ukuba ndofumana kona amashumi matatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Mayingabi namsindo iNkosi, ndithi, Mhlawumbi bangamashumi amathathu. Wathi, Ukuba ndithe ndafumana amashumi omathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uAbraham: “Mhlekazi, ungakhathazeki, ndisafuna ukuqonda. Kuya kuthini ke xa bengamashumi amathathu?” “Nokuba ngamashumi amathathu, sosinda,” utshilo uNdikhoyo.