Genesis 18:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wati: Makungaqumbiseki enkosini, ndize nditete kube kaloku kupela! Kungaba kwofunyanwa kona ishumi linye. Yati: Andiyi kusitshabalalisa nangenxa yeshumi linye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, ndiphinde ndithethe; Wathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yabalishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?” “Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.