Genesis 18:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuzeka umtamo wesonka, ukuba nizixase intliziyo zenu; noda niti kamva, nigqite; ngokuba kwa kukona nidluleyo ukuza esicakeni senu. Aza ati: Yenza njengoko ukutetileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu;kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu.Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuya ndithabathe iqhekeza lesonka, ndithuthuzele iintliziyo zenu; emveni koko nodlula, ngokuba uze kumkhonzi wakho ngenxa yoko. Athi: Yenza njengoko uthethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.” Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”