Genesis 18:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wakauleza u‐Abrahame waya ententeni ku‐Sara, wati: Nxama ulungise izilinganiso zibe zitatu zomgubo ocolekileyo, wu buce, wenze izonkana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhawuleza uAbraham, waya kuSara ententeni, wathi, Khawulungise iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, uwose, wenze amaqebengwana eziko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbraham wakhawuleza ukungena ententeni, wafika wathi kuSara: “Khawuthathe izitya ezithathu zomgubo wengqolowa, uxove wenze amaqebengwana, ukhawulezise.”