Genesis 18:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabaleka u‐Abrahame waya ezinkomeni, wazeka itole, lilelitambileyo nelilungileyo, walinika kumfana, owanxama ukulipeka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lihle, wanika umfana; wakhawuleza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho ekhawulezile uAbraham ukuya ezinkomeni, wafika wakhetha elona lityebileyo ithole, wathi malixhelwe ngokukhawuleza.