Genesis 19:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapuma u‐Lote, wateta nabo abangabayeni kuye, abebeya kuzeka intombi zake, watsho ukuti: Sukani, nipume kulendawo; ngokuba uyehova eya kutshabalalisa isixeko esi. Koko wanga ungohlekayo kubo abangabayeni kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo;ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kwezendela iintombi zakhe, wathi, Phumani niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Kodwa wayekhangeleka njengomntu ohlekisayo nabakhwenyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ULothe ke waya kuxelela amasoka eentombi zakhe ukuba makumkiwe eSodom, kuba uNdikhoyo wayeza kuyibhubhisa. Kodwa wona aba uyaqhula nje.