Genesis 19:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni abebapumisele ngapandle kwesixeko, wati: Zisindise ngenxa yobomi bako; ungabeki ngasemva kwako, ungahlali nokuhlala kulo lonke itafa; sindela entabeni, ukuze ungabujiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ebakhuphele phandle, wathi, Balekani, uwusindise umphefumlo wenu; musani ukubheka emva, musani ukuma ethafeni lonke; sabelani entabeni, hleze nitshabalale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”