Genesis 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Bona ke, zinkosi zam! kenipambukele endlwini yesicaka senu, nilalise kona, nihlambe inyawo zenu; naniya kuvuka kusasa, nihambe ngendlela yenu. Zati: Hai; koko siya kulalisa esitarateni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yabona, Nkosi yam, hamba uye endlwini yomkhonzi wakho, ulale, uhlambe iinyawo zakho, uvuke kusasa, uhambe. Baphendula bathi, Hayi! kodwa siya kulala esitratweni ubusuku bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Zinkosi zam, khanikhe niye kwam, nihlambe oku kweenyawo, nilalise khona. Ningavuka ke ngentsasa, nithabathise uhambo lwenu.” Zithe zona izithunywa ukuphendula: “Hayi noko wena, siza kuhlala phaya ebaleni kude kuse.”