Genesis 19:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxama, usindele kona; ngokuba ndikohliwe kukwenza into ude ufike kona. Ngako oko kwabizwa igama lesixeko eso nge‐Tsohare.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Suk’ ume, uzimele khona; kuba andinakwenza nto, awukafiki kuyo. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTzohare.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.