Genesis 19:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waziqu̔ba kakulu, zada zapambukela kuye, zangena endlwini yake; waye ezenzela isidlo, woja izonkana ezingenagwele, zatya ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe;wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazingisa ke; baphambukela kuye, bangena endlwini yakhe; wabenzela ukutya, wabhaka izonka ezingenagwele, badla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazithundeza, ezicenga-cenga uLothe, zada zoyisakala, zaya naye kwakhe. Wazilungiselela ukutya, wenza namaqebengwana ngentlama engenagwele. Kuthe ke kwakulunga ukutya zatya.