Genesis 19:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Lote wapuma e‐Tsohare, wahlala entabeni, nentombi zake zombini kunye naye; ngokuba ebesoyika ukuhlala e‐Tsohare: ngako wahlala emqolombeni, yena nentombi zake zombini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare;wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uLote eTsohare, wahlala entabeni, neentombi zakhe zombini; ngokuba ebesoyika ukuhlala eTsohare, waya wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni.