Genesis 19:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaye zimseza uyise iveyine ngobusuku obo: yaza eyamazibulo yangena, yalala noyise; owaengaqiqanga nxa ilala pantsi, nanxa isukayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku, yangena eyamazibulo, yalala noyise; kwaye akazange aqaphele xa elele okanye ekuvukeni kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobo busuku bamntyintya ngewayini, yaza ke intombi enkulu yamambatha. ULothe wayenxile kangangokuba akazange akuqonde okwaqhubekayo.