Genesis 19:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndinentombi zimbini ezingayazanga ndoda; makendiniku̔pele zona, nize nenze kuzo njengokulungileyo emehlweni enu; kodwa lamadoda ningawenzi nto, ngokuba kukona babengena ngapantsi kwomtunzi wentungo yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda;mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khanibone, ndineentombi ezimbini ekungaziwa mntu; mandizikhuphele kuni, nenze kuzo ngokuthanda kwenu; ze ningenzi nto kula madoda; ngokuba bangene emthunzini wophahla lwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndineentombi zimbini apha, ziseziintombi nto; kubhetele ndininike zona, nizenze ukuthanda kwenu endaweni yale nto nifuna ukuyenza. La madoda ziindwendwe zam; aphantsi kokhuselo lwam.”