Genesis 19:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati: Kwelela. Bati kanjalo: Lomfo nze ukuhlala apa njengowasemzini, ade afun’ ukwenza njengomgwebi: kaloku sesiya kupata kakubi wena ngapezu kwawo. Baye bexinga ngasendodeni leyo, ngaku‐Lote, kakulu, bada basondela ukugqoboza ucango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi, Yima. Babuya bathi, Lo uze kuthetha njengomphambukeli, uza kuba ngumgwebi; ke thina sokuphatha kakubi kunabo. Bamzama uLote, basondela ukuba baluqhekeze ucango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa loo madoda athi: “Suka endleleni, mfikindini! Ungubani wena? Ucinga ukuba singagwetywa nguwe? Singajikela wena thina, kube kubi nangaphezu kwawo.” Atsho emsunduza uLothe, etyhala ezama ukuluqhekeza ucango.