Genesis 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kupuma e‐Hedeni umlambo, ukuze uwunyele umyezo lowo; owahluka kona, waba zizibaxa zazine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlambo wawuvela e-Eden ukuba uwunyakamise umyezo; ukusuka apho yahlulwa yazizahluko ezine.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakukho umlambo owawuphuma apho eIdeni, unyakamisa umyezo lowo. Wawusahlukana ube yimilambo emine wakuyishiya i-Ideni.