Genesis 2:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa umti wokwaziwa kwokulungileyo nokukohlakeleyo, akuyi kutya kuwo: ngokuba emhleni utyayo kuwo uya kufa ngokufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli;kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uze ungadli kuwo umthi wokwazi okulungileyo nokubi, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”