Genesis 2:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waebedalile uyehova utixo emhlabeni zonke izilo zasendle, nazo zonke intaka zezulu, wazizisa ku‐Adame ukuba abone woti nina ukuzibiza: kuze kwati, oko wazibiza ngako u‐Adame zonke izinto ezinokudliwa kwobomi, kwaba ligama lazo kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wadala uYehova uThixo emhlabeni zonke izilo, neentaka zonke zezulu; wazisa kuAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza; nento awayibizayo uAdam indalo nganye, yaba ligama lazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uThixo wayethathe umhlaba wabumba zonke iinyamakazi neentaka, wazisa kuloo ndoda ukuba izithiye amagama. Zawafumana njalo ke amagama azo ezo zinto.