Genesis 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza utixo watamsanqela owesixe̔nxe umhla, wawenza ngcwele; ngokokuba ebete ngawo wapumla kuwo wonke umsebenzi wake abewudalile utixo wawenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo uyalusikelela usuku lwesixhenxe aze alungcwalise, kuba waphumla ngalo emva kwawo wonke umsebenzi wokudala awawenzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.