Genesis 2:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yonke imitana yasendle ingekabiko emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekahlumi: ngokuba uyehova utixo ebengekanisi imvula pezu kwomhlaba, kwakungeko mntu kanjalo alime ihlabati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yonke imifuno yelizwe engekakhuli emhlabeni, nayo yonke imifuno yelizwe, ingekantshuli, kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni, akwabakho bani ukuwulima umhlaba hayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwakungekho zityalo emhlabeni. Kwakungekho nambewu intshulayo, kuba kaloku wayengekayinisi emhlabeni imvula uNdikhoyo; kwakungekho namntu wakuwulima umhlaba lowo.