Genesis 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza utixo wati kuye epupeni: Nam ndiyakwazi ukuba kungolungelelwano lwentliziyo yako ukwenzile oku; ngokuba kanjalo ndikunqandile ekwoneni ngakum; kukona ndingakuvumelanga ukuba umcukumise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uThixo kuye ngephupha, Ndiyazi, ngokuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele; ngenxa enokuba ndanithintelayo nina, ukuba ningabi ngabachasi bam; ke ngoko, andikuvumelanga ukuba umchukumise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.