Genesis 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze uti kaloku ubuyise umfazi walendoda, ngokuba ingumprofite yona, yaiya kukutandazela, ukuze upile; kodwa ukuba akumbuyisi, yazi okokuba uya kufa ngokufa, kwa wena, nako konke unako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti;yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko yibuyisele loo ndoda emfazini wayo; ngokuba engumprofeti, uya kunithandazela, niphile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”