Genesis 20:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayevuka u‐Abimeleki kwa kusasa, wabiza zonke izicaka zake, wateta onke lamazwi ezindlebeni zazo. Ati amadoda lawo oyika kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka kusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wabaxelela zonke ezi zinto babeziva; oyika kakhulu amadoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.